Leviticus 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba uyawunikela ube ngumbulelo, makanikele kunye nombingo wombulelo izonkana ezingenagwele zinyeliwe ngeoli, nezonkanyana ezingenagwele zitanjisiwe ngeoli; nomgubo ocolekileyo unyakanyisiwe, izonkana zinyeliwe ngeoli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wasondeza umbingelelo wombulelo, wobhaka izonka ezingenagwele, zigalelwe ioli, nezonka ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nesonka esigalelwe ioli, nomgubo ocoliweyo, kube ngumnikelo wendumiso, nomnikelo wombulelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.