Leviticus 7:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nenyama yombingo wombulelo weminikelo yoxolo yake, yona iya kutyiwa kwa ngomhla wokunikelwa kwayo; akuyi kushiywa nto kude kuse.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nenyama yombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo yodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe, kungashiywa nento kuyo kude kuse.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inyama yombingelelo wakhe woxolo wodliwa kwangaloo mini yokuphuma kwakhe; makangashiyi nto kuyo kude kuse.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.