Leviticus 7:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba sisibambiso, umhlaumbi ngumnikelo wesisa, umbingo wokunikela kwake, uya kutyiwa wona ngomhla aya kunikela umbingo wake ngawo; kwoti nangomnye umhla kudliwe okuseleyo kuwo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba umsondezo wakhe waba ngowesibambiso, nokuba ngumnikelo wokuzithandela, wodliwa kwangaloo mini asondeza ngayo umsondezo wakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu enikela idini lobudlelane, egcina isithembiso awasenzayo, okanye ethanda nje ukwenza umnikelo, leyo ke yona inyama akunyanzelekanga ukuba ityiwe iphele ngamini-nye, kodwa eseleyo ingátyiwa ngengomso.