Leviticus 7:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba kuka kudliwe enyameni yombingo woxolo wake ngowesitatu umhla, akayi kubukwa lowo oyinikelayo, ayiyi kumbalelwa, yoba yinto edlubukileyo; nomntu otyayo kuyo, yena uya kutwala inkohlakalo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba kuthe kwadliwa, nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe woxolo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa owusondezayo, awusayi kubalelwa kuye; woba yimbozisa. Ubani odlayo kuwo wobuthwala ubugwenxa bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kuthe kwadliwa inyama yombingelelo wakhe wombulelo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa, awusayi kubalelwa kulowo uwuhlwayelayo; yoba lisikizi, idle umphefumlo. Niya kuthwala ububi kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ityiwe loo nyama ngosuku lwesithathu, uThixo akayi kulamkela elo dini laloo mntu, kuba lisuke *lanomlaza. Nabani na ke oya kuthi alitye uya kuluthwala uxanduva lwakhe.