Leviticus 7:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako inyama ecukumisayo enye into enco̔lileyo ayiyi kudliwa; iya kutshiswa ngomlilo; kanti inyama engenjalo, lonyama bonke abacocekileyo baya kutya yona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nenyama efike entweni yonke eyinqambi mayingadliwa;yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, bonke abahlambulukileyo boyidla inyama;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inyama efike entweni eyinqambi mayingadliwa; itshiswe ngomlilo; ukuba yinyama, bonke abahlambulukileyo bayidle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa inyama yedini ithe yadibana nantoni na enomlaza, kufuneka itshiswe ingàtyiwa. Wonke ubani ongenamlaza angayitya inyama yedini elo.