Leviticus 7:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Endaweni apo kuxe̔lwayo idini lokutshiswa, liya kuxe̔lwa kona idini letyala; negazi lalo wolisasaza pezu kwesibingelo ngento engqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini letyala, negazi lalo litshizwe lijikelezise esibingelelweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Apho kubingelelwa khona idini letyala, zowusondeza apho umnikelo wetyala; igazi layo litshize kumacala onke esibingelelweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.