Leviticus 7:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni umntu acukumisayo enye into enco̔lileyo, ukunco̔la kwomntu, umhlaumbi isilo esinco̔lileyo, umhlaumbi enye intshontsho enco̔lileyo, aze atye kuyo inyama yombingo woxolo, ongo kayehova, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe ubani wachukumisa into eyinqambi, nokuba bubunqambi bomntu, nokuba bubunqambi bezinto ezizitho zine eziziinqambi, nokuba yinto yonke enezothe eyinqambi, waza wadla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, wonqanyulwa loo mntu, angabikho ebantwini bakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu osukuba echukumisa nantoni na engahlambulukanga, njengokungahlambuluki komntu, nasiphi na isilwanyana esingahlambulukanga okanye nantoni na ecekisekayo engahlambulukanga, waza wayidla inyama yombingelelo wombulelo kaYehova, loo mphefumlo wonqunyulwa ungabikho kuye abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti xa umntu athe waphatha into enomlaza, nokuba ngumntu, nokuba sisilwanyana esingatyiwayo, nantoni na enezothe, aze asuke aye kutya idini lobudlelane likaNdikhoyo, loo mntu makasikwe ebantwini bakaNdikhoyo.