Leviticus 7:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba osukuba esidla inqata lenkomo, ekunikelwe ngayo umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, kwa lowamntu olidlayo wonqanyulwa ebantwini bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho zine, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nabani na olidlayo inqatha lezinto ezizitho zine, ubani enze idini elinyukayo kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebandleni lakowabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umntu othe watya amanqatha ento ekwenziwa ngayo idini kuNdikhoyo ngomlilo makasikwe kumaSirayeli.