Leviticus 7:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezake izandla ziya kuzisa iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova; inqata pezu kwesifuba wolizisa kunye nesifuba eso, ukuba sishukushukunyiswe sona sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izandla zakhe zokuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova:inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wolizisa ngezandla zakhe idini elinyukayo kuYehova, elinamanqatha kunye netyeya, ityeya yokuhambisa idini elinyukayo phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo.