Leviticus 7:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa ndizicapule elusatsheni luka‐Sirayeli, kuyo imibingo yoxolo yalo, ndazinika ku‐Arone umperisite, nakonyana bake, ngommiselo ongunapakade, zivela kulo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwunike uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ityeya eshukunyiswayo nesandla ndazithabatha koonyana bakaSirayeli kumbingelelo wombulelo ndaza ndazinika uAron umbingeleli noonyana bakhe njengommiselo wexesha elingenammiselo ovela koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha.