Leviticus 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayefefa ngayo pezu kwesibingelo amaxesha asixe̔nxe, watambisa isibingelo nazo zonke impahla zaso, kunye nesihlambelo nesikondo saso, zize zingcwaliswe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafefa isibingelelo izihlandlo ezisixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke nengubo yaso yokwaleka noseko lwaso, ukuba singcwaliswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo.