Leviticus 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wabasondeza onyana baka‐Arone, wabavatisa ihempe, wababinqisa ingqwemesha, wabopa kubo iminqwazi; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabasondeza ke uMoses oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zabo ezinde zangaphezulu, wababopha ngamaqhina, wabathwala iminqwazi; njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.