Leviticus 8:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuxe̔lwa ke; waza u‐Mosesi watabata igazi, walibeka ezimpondweni zesibingelo ngento engqongayo ngomnwe wake, wasihlambulula isibingelo; wandula waligalela igazi ngasesekweni lesibingelo, wasingcwalisa, kuze kwenziwe uxoliso pezu kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayihlaba; Walithabatha uMoses igazi, walitshiza ngeempondo zesibingelelo ngomnwe wakhe, wasihlambulula isibingelelo, waligalela umzantsi wesibingelelo igazi, wasingcwalisa, ukuze sicamagushele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga.