Leviticus 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuso isitya sezonka ezingenagwele, esipambi kwoyehova, watabata isonkana sinye esingenagwele, nesonkana sinye sesonka esineoli, nesonkanyana sikwa sinye, wazibeka pezu kwamanqata lawo, napezu kwowokunene umkono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
engobozini yezonka ezingenagwele, ephambi koYehova, wathabatha umqhathane ongenagwele wamnye, nomqhathane wesonka esineoli wamnye, nesonkana esisicaba sasinye, wabeka phezu kwamanqatha naphezu komlenze wasekunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha engobozini yezonka ezingenagwele eyayiphambi koYehova, wathabatha iqebengwana elingenagwele lalinye, neqebengwana leoli, neqebengwana lalinye, wabeka phezu kwamanqatha egxalabeni lasekunene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze.