Leviticus 8:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Mosesi wacapula kuyo ioli yokutambisa, nakulo igazi elipezu kwesibingelo, wati fefe pezu kwo‐Arone, na pezu kwezivato zake, napezu kwonyana bake, napezu kwezivato zonyana bake kunye naye; wangcwalisa u‐Arone, n ezivato zake, nonyana bake, nezivato zonyana bake kunye naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wacaphula uMoses eolini yokuthambisa, nasegazini elisesibingelelweni, wafefa kuAron nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe kunye naye, wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe, noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe kunye naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, nenxalenye yegazi lasesibingelelweni, wamtshiza uAron, nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ababenaye; yaye wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.