Leviticus 8:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wati ku‐Arone nakonyana bake: Pekani lonyama elucangweni lwentente yentlangano, niyidle kona apo, kwa nesonka esikuso isitya seminikelo yokuzalisa, njengoko ndiyaleleyo, ndisiti: u‐Arone nonyana bake baya kuyidla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kooAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona apho, nesonka esisengobozini yomiselo, njengoko ndawisayo umthetho, ndisithi, OoAron noonyana bakhe boyidla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona isonka engobozini yomnikelo wokudla, njengoko ndawisa umthetho, ndathi, uAron noonyana bakhe boyidla. Yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uMosis kuAron noonyana bakhe: “Le nyama yiseni ekungeneni kwesibingelelo, nize niyipheke apho, niyitye nesiya sonka sisebhaskitini yamadini okumisela ababingeleli, ngokomyalelo kaNdikhoyo.