Leviticus 8:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo aniyi kupuma elucangweni lwentente yentlangano imihla ibe sixe̔nxe, ude ubeko umhla wokuzalisekiswa kwayo imihla yeminikelo yokuzalisa yenu: ngokuba yimihla isixe̔nxe kuya kuzaliswa izandla zenu ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, ide izaliseke imihla yembewu yakho; uya kuningcwalisa iintsuku ezisixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningemki apho ekungeneni kwesibingelelo kude kube ziintsuku ezisixhenxe, ude ube ke udlule umsitho wokumiselwa kwenu.