Leviticus 9:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa inqata, nezintso, nendawo ezizengezelayo esibindini, kulo idini lesono, wazitshisa pezu kwesibingelo; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke inqatha, nezintso, neseli elisesibindini sedini lesono, waqhumisela ngezo zinto ngomlilo esibingelelweni, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.