Leviticus 9:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa izifuba nowokunene umkono wazishukushukumisa u‐Arone zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova; njengokuba ebeyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazisondeza ke uAron iincum ezo nesokunene, zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; njengoko uMoses wamwiselayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza iincum zona kunye nemilenze yasekunene waziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo ngokomnikelo, kanye njengoko ebetshilo uMosis.