Leviticus 9:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wangena u‐Mosesi no‐Arone ententeni yentlangano; bapuma ke, batamsanqelisa abantu: bati ubungcwalisa bukayehova babonakala kubo bonke abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana, baphuma babasikelela abantu, babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubuye waya kungena esibingelelweni kunye noMosis, baza bathi bakuba bebuye baphuma, basikelela abantu. Suka kwatyhileka kubantu bonke ukubengezela kwesihomo sikaNdikhoyo.