Leviticus 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa nenkabi nenkunzi yegusha zibe zezeminikelo yoxolo, kuze kubingelwe ebusweni bukayehova; nomnikelo wokudla unyeliwe ngeoli; ngokuba namhla uyehova eya kubonakala kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nenkunzi yenkomo, nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo wombulelo wokubingelelwa kuYehova; nomnikelo othanjiswe ngeoli, ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwakunye nenkomo nenkunzi yegusha, zona zibe ngamadini obudlelane. Kufuneka kwenziwe amadini ngazo, kwakunye nokutya okuxutywe namafutha. Kufuneka niyenze le nto, kuba kaloku uNdikhoyo uza kunivelela namhlanje.”