Leviticus 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Mosesi: Yilento uyehova ayiyaleleyo ukuba maniyenze; kuze kubonakale kuni ubungcwalisa bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Yiyo loo nto uYehova akuwisele umthetho ngayo, ukuze ubuqaqawuli bukaYehova bubonakale kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.”