Leviticus 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi wati ku‐Arone: Sondela esibingelweni, ulenze elako idini lesono, nelako idini lokutshiswa; uze ulwenze uxoliso ngenxa yako, nangenxa yabantu; wandule unikele umnikelo wabantu, ubenzele uxoliso; njengokuba eyalele uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, ucamagushele izono zakho nezono zabantu; sondezani umbingelelo wabantu, uwucamagushele isono; njengoko uYehova wawisayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”