Luke 1:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bona ke, xeshekweni ilizwi lombuliso wako langena ezindlebeni zam, umntwana waxu̔ma ngomgcobo esizalweni sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngovuyo esizalweni sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam.