Luke 10:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EMVENI kwezizinto ke yadala inkosi nabanye, bemashumi asixe̔nxe, yabatuma ngababini ngababini pambi kwobuso bayo, kuzo zonke izixeko nendawo apo ibiza kuti yona iye kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo abamashumi asixhenxe, yabathuma ngababini ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo,