Luke 10:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxeshana wagcoba u‐Yesu emoyeni, wati: Ndiyakubulela, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba! ukuba ufihlele izilumko nezazi ezizinto, wazityilela intsana: ewe, Bawo! ngokuba okunjalo bekukolekile ebusweni bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.