Luke 10:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngomnye umhla akumka, war̔ola idenari zambini, wazinika kumninintanga, wati kuye: Mgcine ke; nento usukuba usalekela ukuyici̔ta, ndoti mna, nxa ndibuya ndize apa, ndiyibuyisele kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye, Uze umonge; nento othe wadleka kuyo, ndokubuyekeza ekubuyeni kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ” Waqhuba uYesu wathi: