Luke 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti uyihlo wasezulwini ape abo bacelayo kuye umoya oyingcwele?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”