Luke 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.