Luke 11:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekalolu nxa izihlwele zibe zibutana ndawonye ngemikumdelikane, waqala ukuti: Esisizukulwana sesikohlakeleyo; siyafuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, zakubon ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso;ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe isihlwele simxinanisile, uYesu wathi: “Esi sisizukulwana esikhohlakeleyo; sifuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona;