Luke 11:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko kuya kuba nzima kuni bafarisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezeruwe, nezemifuno yonke, kanti niyagqita ubugwebo, notando lukatixo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha nina, baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.