Luke 11:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninjengamancw̔aba angabonakaliyo, bati abantu abahambayo pezu kwawo bangawazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abahambá phezu kwawo bengawazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”