Luke 11:46 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wati: Kwoba nzima nakuni baqondisimteto! ukuba nitwesa abantu ngemitwalo esindayo, kanti nina ngokwenu anicu̔kumisi imitwalo leyo nangomnye weminwe yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisi-mthetho! Kuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe ke nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.