Luke 11:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kukona ninqi̔nela nivumela nokuvumela izenzo zoyihlo benu; ngokuba bona okunene bababulala, niti ke nina nibuye nake amancw̔aba abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo;ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene niyangqina ukuba niyayivumela imisebenzi yooyihlo; kuba bona bababulala okunene, nibe ke nina niwakha amangcwaba abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo.