Luke 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
PAKATI kwezozinto, nxa abebutelene ndawonye amawakawaka abantu, bada banyatelana, waqala ukuti kubadisipile bake tanci: Lumkelani igwele labafarisi, elibuhanahaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakathi koko, kuthe akubon ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ngoko, akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa.