Luke 12:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni banizisayo ezindlwini zentlanganiso, na pambi kwabanobukosi nabanegunya, ningabi nasitukutezi sokuba niya kuzipendulela ngokunjanina umhlaumbi nopendula nto nina, umhlaumbi sokuba niya kuteta nto nina:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwirhuluneli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na;