Luke 12:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Gqalani onomyai, okokuba abahlwayeli, abavuni nokuvuna, ekungeko kubo iqonga nasisele, kanti utixo uyabondla noko: kekaloku nina nizigqitisele intaka kakulu kangakananina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni;kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Qwalaselani amahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!