Luke 12:58 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba xeshekweni uya nalowo ukumangeleleyo pambi kwenkosi, yiti endleleni uzamele ukukululwa kuye; hleze akur̔olele emgwebini, ati umgwebi akunikele kumsila, aze umsila akupose entolongweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni.