Luke 13:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula umpati wendlu yentlanganiso, equmbile kakulu ukuba u‐Yesu ebepilisile ngesabata, wati kwisihlwele: Kuko imihla emitandatu kufanele ukusebenza ngayo; yizani ngoko ngayo le nipiliswe, kungabi ngomhla wesabata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka, ngokuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi ebantwini, Mithandathu imihla ekufanele kusetyenzwa ngayo; yizani ke ngoko niphiliswe, kungabi ngesabatha usuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”