Luke 13:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo okuya niya kubona u‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, nabo bonke abaprofite, ebukumkanini bukatixo, nina kodwa nilahlelwa pandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle.