Luke 13:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. Kanjalo ngokwenene nditi kuni: Anisayi kundibona, kude kufike ixesha eniya kuti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona, kude kube lixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Inene, aniyi kuba sandibona de kufike ixesha eniya kuthi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”