Luke 14:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko xeshekweni umenywayo, yiya uhlale pantsi endaweni yasezantsi, ukuze ke, akuza okumemileyo, abe nokuti kuwe: Sihlobo! nyukela ngasentla; uya kwandula ukuba nembeko ebusweni babo bonke abahleli ekutyeni ndawonye nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe wamenywa, hamba uye uhlale kweyona ndawo iphantsi, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni;