Luke 14:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza baqala bonke ngentliziyo nye ukuzilandulela. Owokuqala wati kuso: Nditengile intsimi, ndifanelwe kukuti ke ndipume ndiyibone; ndiyakutandaza, mandilandulelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka. Wathi owokuqala kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’