Luke 14:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nguwupina ukumkani, esiya kungena ekulweni nomnye ukumkani, ongahlali pantsi tanci, afune icebo lokuba unamandla na okuti enamawaka alishumi ahlangane nalowo uzayo ngakuye enamawaka angamashumi mabini?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena?