Luke 15:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku emveni kwentsuku ezingeninzi unyana omncinane wahlanganisa konke, waṙanukela elizweni elikude, wati kona waci̔takalisa impahla yake, ehlala ngobubedengu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali.