Luke 15:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wesuka waya kuyise wake. Kekaloku nxa ebesekude kakulu, wati uyise wambona, wabetwa lusizi, wagidima, wawa entanyeni yake, wamanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka ke waya kuyise. Ke kaloku, akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yesuka ke, yaya kuyise. “Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga.