Luke 15:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wapendula wati kuyise: Bona ke, ndikukonza leminyaka mininzi kangaka, ndingazanga ndigqite umyalelo wako nje, akupanga mna noko ibokwana napakade, ukuze ndigcobe nezihlobo zam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho;ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andikhange ndigqithe mthetho wakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo.