Luke 16:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Nina ningabazenza abalungileyo ebusweni babantu; kodwa utixo uyazazi intliziyo zenu: ngokuba oko kuyinto enkulu pakati kwabantu, kuyintshontsho ebusweni bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu;kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; kuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi kubo: “Nina ningabazenza amalungisa phambi kwabantu, kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu. Ke oko kuxatyisiweyo ngabantu kulizothe kuThixo.