Luke 16:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ngapezu kwoku konke, pakati kwetu nani kumisiwe ituba elikulu, ukuze ke abo bafuna ukuwela besuka apa ukuya kuni bakohlwe, nabakona bangaweli ukuza kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko ke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; kananjalo abanako ukuwela beze kuthi, abaphuma nalapho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’