Luke 17:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kutshiwo nokutiwa: Nabu apa; umhlaumbi: Nabuya paya; ngokuba, bona ke, ubukumkani bukatixo bupakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo abasayi kuthi, Nanku apha! okanye, nankuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.”